
















IBONA KIDDIES MIX


lkhasi lemizobo


 :UMNTWANA OBALASELEYO KULE NYANGA -uPhumzile Guma

 Intsomi kaMakaz'uBarbara

Ukhuphiswano
lweFunword


 Iintsana zeBona


 UMNTWANA OBALASELEYO
KULE NYANGA


 UPHUMZILE Guma waseMoroka
eSoweto uneminyaka
emithandathu ubudala. Uthanda ukucula, ukuya ecaweni1 ukudlala indawo yokuba yititshala nabahlobo bakhe1 ukuzoba nokufaka imibala emifanekisweni. Uthanda nokumodela yaye xa ujonga ifoto yakhe kweli khasi, uyabona ukuba uyintwazana entle eyithandayo impahla yefashoni nto leyo ibalulekileyo xa enqwenela ukuba yimodeli ngenye imini.



BONA XHOSA JULY 1995 113

IBONA KIDDIES MIX
Molweni bantwana, siyanamkela! Ukuba iminyaka yenu iphakathi kwemi-3 ne- 12 kwaye ninqwenela ukuphuma kwiBona, Thumelani iifoto zenu kwidilesi ethi: 
BONA KIDDIES MIX Box 32083, Mobeni, 4060. Sinikeni neenkcukacha ezilandelayo: igama, indawo ohlala kuyo, ubudala bakho, nezinto ozithandayo. Nyanga zonke siza kukhetha
ILUNGU LENYANGA LeBONA KIDDIES MIX
Kusenganguwe ke! Silindele ukuba nisibhalele ke nithumele neefoto zenu.




BANTWANA! ZIZUZELENI I-R50!
Nanku umdlalo omnandi oza kuphucula isiNgesi senu. Ezinye iimpendulo zilula, ezinye ziza kufuna nicingisise. Sinenzele umzekelo wamnye ukuninceda niqalise. Nakuzibhala zonke iimpendulo, zalisani ifomu yokungenela nize nisike ifunword kunye nefomu yokungenela nizithumele kwidilesi ethi: BONA FUNWORD NO. 7, Box 32067, Mobeni, 4080. Umhla oluvalwa ngawo olu khuphiswano ngowama-28 kujulayi ka-1995. Ingenelo lokuqala 
elichanileyo eliya kutsalwa ngalo mhla liya kuzuza iR5O! Siza kuzipapasha iimpendulo zolu khuphiswano lwesi-7 kunye negama lophumeleleyo kwiBona kaSeptemba. Nanga ninganethamsanqa!




ZIPHANDELENI INYANISO



KUDALA kwakukho isinhanha senkosi ekwakusithiwa nguMbhele. ayenesithembu sabafazi abane ebathanda bonke ngokulinganayo. Kodwa umfazi wakhe wokugqibela omncinane uNomcebo wamzalela unyana, uZanele, uZuzile noNelisiwe babengenako. Bamzalela iintombi, nabo phofu wayebathanda kodwa uThembelani unyana wakhe wayeliqhayiya lakhe nemincili.
Phezu kokuyizalela unyana uNomcebo wayezama ukuyikholisa indoda yakhe ngoxa abanye abafazi abathathu babengamavila.
UMbhele wayemncoma uNomcebo qho kunabanye abafazi bakhe, oku kwabenza bazal'umona.
Kwathi ngaminazana ithile aba bafazi bathathu bakhalaza, bagqugula, bagqiba kwelokuba bambek'amabala uNomcebo phambi kwendoda yabo.
Ta'ekhaya, uNomcebo, akalunganga! Namhlanje simbone ewolwa yenye 
indoda yale lali phaya ngasemlanjeni, watsho uZanele, oyena umdala 
kwaba bafazi bathathu.
Ewe, unyanisile! 
bamngqinele abanye 
abafazi ababini. Uphoxe 
wena kwanathi sonke! 
batsho bexoka.
UMbhele uye wacaphuka akuziva ezi ndaba kangangokuba ngobo busuku waya kuNomcebo.
Hayi bayaxoka tata, watsho uNomcebo.
Bobathathu abafazi bam bakubonile, ungandixokiseli! Akuphoxanga mna
nonyana wethu kuphela, kwanelali iphela! Phuma ngoku emzini wam ungaphind'ulubeke kule lali! watsho emngxolisa uMbhele. Usizana uNomcebo bekungekho nto lungayenza ngaphandle kokuhamba nakuba emsulwa. 
Kwathi ngemini elandelayo kwakuhlwa uNomcebo emkile, uMbhele waphuthelwa. Intliziyo yakhe ilihlwili kuba inkosikazi ayithandayo ingekho, waziva enetyala akuqonda ukuba akazange azikhathaze ngokwenza uphando mayela nokutyholwa kwakhe.
Wathi akukruquka kukuqikaqikeka ebhedini uMbhele wagqiba ekubeni aphume phandle abethwe ngumoya. Wathi eselapho weva kukho abantu abasebezayo begigitheka kwindlu yenkosikazi yakhe endala.
Kutheni bonwaba kangaka emva kwesi siganeko? wacinga wenjenjalo uMbhele waza wachwechwa ukuze avisisise ukuba bancokola ngantoni.
Ngesisenkathazweni ukuba uMbhele ebebuze ukuba ngubani loo mfo obewola uNomcebo. Sibe nethamsanqa lokuba asikholwe engakhange abuze nemibuzo le! watsho uNelisiwe.
Uyazi bendingazi ukuthi kungalula kanje ukugxothisa uNomcebo. Kwakufanele ukuba oku sikwenze kwangaphambili  phambi kokuba azale 
unyana! watsho uZuzile ngelizwi elisisitshotho,
Wathi akuyiva inyaniso uMbhele
 wabatywatyusha 
bobathathu kuba 
bemxokisile. Wabayalela ukuba bahambe 
bakhangele uNomcebo 
babuye naye.
Uthe uNomcebo akubuya wayalelwa ukuba 
abaphathe bobathathu aqinisekise ukuba bonke bayasebenza.
Khumbulani: 
ningabokholelwa nantoni 
na ethethwa ngabanye 
abantu ngomnye umntu. 
Zama ukufumana ubunyaniso bayo kuqala. Salani 
kakuhle bantwana!
Masibonane...kwithub' elizayo!



-IIUSOLOKO kusenza imincifi Eukutyelela indawo ufike udibane nabafundi bethu cibangamanenekazi, kodwa besingawalindelanga amanenekazi cimaninzi kuba Mljoenskroon yidilophana encinane.Kusimangafisile kodwa sakuvuyela ukufika kwenginginya yabantu. Ukuba iDutch Retormed Church Hall ibincinane bekuya kunyanzeleka sibacefe abanye bagoduke.Kuthe emva kwentshayelelo eqhefekileyo nomthandcizo iiokuvufa owenziwe nguMnu. Molemo, isithethi sembeko sakhwelci eqongeni senza intetho yaso. iJMapulane Mbeloane, ongusajini uMapolisa aseMzantsi-Afrika, ithethe ngomba oxhaphakifeyo uluntu - ukuphathwaakubi kwabanwana. Amanenekazi abe lapho abonise ikuthabatheka yintetho iaMapulane xa ebethetha geziphumo ezibi zokuphathwa akubi ngelizwi efithambileyo. Jkwachaze iindlela zokubona rnaxhoba okuphathwa kakubinendfefa yokukhusela abantwana kuko.Phakathi kwamanye amacebiso kuye kwabatulwa ukuba abasetyhini kufuneka basebenzisane, umntwana ngamnye bamthabathe njengowabo, basebenzisane neChifd Protection Unit.Xa beqhuba ngolu hfobo baza kukwazi ukushenxisa zonke iintfobo zokuphafhwa kakubi kwabantwanci- ukungahoywci, inkohfakato okanye ukudfwengulwa kwabantwana.Ukugxeke kanobom ukungcifuni kofuntu ukuzibandakanya ekutweni nokuphathwa kakubi kwabantwana- nokungakhathafi ngento eqhubeka kwammelwane.Ngexesha lemibuzo kuphakame izandla ezininzi, phantse wonk umntu ebenombuzo afuna ukuwubuza. UMapulane uyiphendule yonke imibuzo ngengqiqo nangobufumko emva kokuba umbuzo ngamnye ewucingisisile.Amanenekazi ebekhoakuthandite ukuboniswa indfefa yokupheka nezipho aziphiweyo.BONA XHOSA - .JuIy 1995109Abaphumelele xa bekutsalwa amaffkill abawelwe ngumq esandleni.UVeronica Mkari wakwaRama, ubonise indlela yokupheka isidfo semifuno - iRatatouiffe.Xa bekuphungwa iti amanenekazi ebencokolci, kucaca ukuba wonk umntu wonwabife. Lithe fakugudt amathambeka eentaba sacela indfela kubafundi bethu baseViljoenskroon.

	112 BONA XHOSA - July 1995

		BONA XHOSA-Julv 1995 113

114 BONA X1-1OSA-Jilv 1995

